UMZI ONTSUNDU PHAMBILI! UMHLABA PHAMBILI! – UBIZO LOMZABALAZO

Umzi ontsundu phambili! Umhlaba Phambili!

Ubizo lomzabalazo

“Kubantu abahluthwa umhlaba ilizwe labo lenziwa ikoloni, eyona nto inexabiso kuba iyeyona iphathekayo ngumhlaba. Umhlaba, wona uyakubanika isonka ubuyise nesidima sabo.” Frantz Fanon

Emva kweminyaka engamashumi amabini olawulo lwesininzi abantu abamnyama basazifumana besemsileni kuluntu. Thina bantu bamnyama, ngoku sisininzi siza mva endaweni yokubekwa phambili. Yiyo loo nto ke sigqibe ekubeni sibeke umzi ontsundu phambili, kuqala! Inkululeko yokwenene sakuyifumana mhla abantu abamnyama bephathwa njengabona
bantu banebango lobunini beli lizwe. Inyathelo lokuqala kwinkululeko yabamnyama nasekubuyiseni isidima sabo kukubhangisa ubungangamsha kwabamhlophe, nengcinezelo yabo, kuyakwenzeka oko xa kubuyiswe umhlaba! Ngumhlaba oya kubeka abantu abamnyama phambili! Ngaphandle komhlaba asinto! Xa sinomhlaba singayinto yonke esiyifunayo.

Kaloku nje, eMzantsi Afrika akukho mbutho uzabalazela ukubeka abantu abamnyama nomhlaba kuqala. Ithemba lethu ebilikwi Economic Freedom Fighters (EFF) lilahleke xa, ngenyanga ka-April umongameli wayo uJulius Malema esithengisa, eshenxa kwisiseko esithi “umhlaba [wonke] mawubuyiswe ngaphandle kokunxephezela abo bawubayo kuthi”.

UMalema uqinisekise iinkunzi zabalimi eStellenbosch ngelithi “ukuba umhlaba unemveliso, asizungenelela kuloo mveliso ikuloo mhlaba”.
Ngokwenza nje, utyeshelene nabantu abantsundu ngokuthi sifuna umhlaba “ongena mveliso” kuphela.

Uphindile waxelela la masela omhlaba ukuba xa kukho umhlaba ongalinywayo singanengxaki. Sithi makungabikho mhlaba uhleli nje ungasetyenziswa”.

Ngokwenza nje uqinisekise amasela omhlaba ukuba lo mhlaba wabo (ngabula bona phofu) ukhuselekile, thina bantu bamnyama sothatha iintsalela zalo bangawusebenzisiyo ungena mveliso kakade. Yimpoxo le! Asifuni ntsalela. Sifuna wonke umhlaba kuba ungowethu uwonke.

Abantu abamnyama basemsileni elizweni labo

Abantu abamnyama beza mva kuzo zonke izinto zobomi. Sisemva nakulawulo lomhlaba. Kwizigidi ezingamashumi amahlanu anesine (54 million) zabantu, iintsapho namashishini abelungu angamawaka angamashumi amathathu nesihlanu, (35 thousand) alawula ngapha kwamashumi asibhozo ekhulwini (80%) omhlaba. Ukusukela ngonyaka ka1994, urhulumente we -ANC usathenge isibhozo (8%) ekhulwini salo mhlaba ngexabiso elingaphaya kwe R50 billion.

Umbutho we-ANC usebenzisa imali yethu ukuthenga umhlaba obiwe kuthi.

Ukusukela ngo1994 bangaphaya kwesigidi (1 million) yabantu abamnyama abakhutshwe kwii-fama ngenkani. Abasebenzi kwii-fama ngamakhoboka. Amaxhoba ocalucalulo (e-Apartheid) abanga umhlaba wawo akanamhlaba kunanamhla, emva kweminyaka engamashumi amabini.

Kwiindawo zasezidolophini abantu abamnyama abanandawo zakuhlala kuba bengenamhlaba. Amaxabiso ezindlu akafikeleleki, nakwabo basebenzayo ngenxa yongabi namhlaba.

Ngesi santya sihamba ngaso kuyakusithatha iminyaka engapha kwekhulu Ukuthenga nje umhlaba ongamashumi amathathu epensenti (30%).

Abantu abamnyama basemsileni kwingqesho

Abantu abamnyama beza mva nakwicala lengqesho. Malunga namashumi amane anesihlanu ekhulwini (45%) abantu abamnyama abanamsebenzi. Qhatanisa oku nesihlanu ekhulwini (5%) kubelungu. Abamhlophe balishumi nje lwepesenti (10%) ekhulwini abathatha inxaxheba kwezoqoqosho lweli, kodwa kwizikhundla zolawulo mashishini bangamashumi amathandathu (60%) ekhulwini.

Abantu abamnyama ngabona bahlawulwa kancinane!

Siza mva nakungeniso mali, ingeniso lwentsapho zabelungu liphinda
kathandathu ingeniso zeentsapho zabantu abamnyama. Ingeniso yosapho olumnyama lulapha nje koR60 000 ngonyaka lube olosapho lwabelungu lukoR360 000 ngonyaka. Ngokoqikelelo, iintsapho zabamnyama lunabantu
abathandathu ze iintsapho zabelungu lube nabantu abathathu.

Imfundo nezoqoqosho

Siza mva nakwimfundo.

Okothusayo kukuba sisihlanu nje ekhulwini (5%) sabafundi abamnyama edyunivesithi esigqiba ngexesha, uninzi alugqibi, lugxothwa ngenxa yongabi namali.

Sise msileni nakwezo qoqosho, kwizabelo zamashishini arhweba izabelo kwi-JSE zingange sithathu ekhulwini nje (3%) izabelo eziphethwe ngabantu abamnyama .

Sithi kwanele ngoku. Sigqibe kwelokuba silelwe abantu abamnyama kuqala
ngokukhokhelisa umhlaba phambili.

Akho namnye umbutho eMzantsi Afrika obeka abantu abamnyama nomhlaba wabo phambili. Umbutho olawulayo nale iphikisayo ayibeki abantu abamnyama phambili.

Umbutho olawulayo nale iphikisayo iyafana ngento enye; ukungabeki abantu abamnyama kuqala. Osopolitiko bathetha behanahanisa ngemfuno zabantu abamnyama ingakumbi umba womhlaba.

Kananjalo simema bonke abafana nathi, abakholelwa ekubekeni abantu abamnyama kuqala! Umhlaba kuqala! Masibambaneni ngezandla kwimbumbano yomzabalazo esekwe kwimimiselo emibini:

1. UMHLABA KUQALA!

Abantu abamnyama ngabantu bokuqala ehlabathini jikelele. Sithi esanika abelungu ubomi nempucuko kodwa ubukhoboka, ubukoloni norhulumente wocalucalulo (apartheid) zisibeke emsileni. Silungisa obu bugwenxa ngokuthi abamnyama kuqala! Sithetha ukuthini xa sisithi abantu abamnyama? Sithetha bonke abantu bangamaxhoba engcinezelo, abohluthwe ubutyebi bubukoloni nocalucalulo (apartheid). Inkqubo yokusihlulahlula ukuze soyiswe, yenze ukungavisisani phakathi kwamaxhoba engcinezelo. Kwalapha phakathi kwethu kukho ohlohl’esabo abaphembelela iyantlukwano ngokweentlanga. I-Black First ifuna ukugqiba yonke iyantlukwano phakathi kwabantu ibamanye babeyimbumba  elwa ingcinezeleo yabamhlophe.

I-Black first ilandela inyani ekhululayo ethi “abokugqibela bayoba ngabokuqala”. Kudala singahoywa. Ukubeka unmtu omnyama kuqala kuthetha ukugqiba intsokolo, intlupheko, ukungabi namhlaba nazo zonke izifo zobungangamsha kubelungu, ezide zazimpawu zemeko yobumnyama. IBlack First lubizo  kubantu abamnyama bazithande, bakhathalelane balwele inkululeko yabo nesidima sabo.

2. UMHLABA KUQULA!

Ngaphandle komhlaba akukho nkululeko nasidima. Sifuna umhlaba kuba nguwo osisiseko senkululeko yethu, umnombo wethu, ukuphila ngokomphefumlo, impucuko kwezoqoqosho nenkcubeko. Umhlaba wama-Afrika wabiwa, bobu busela obusishiye singodinga sithebeni elizweni lethu. Sifuna umhlaba, neziqhamo eziphezu kwawo, ubutyebi bezimbiwa ngaphantsi kwawo, nesibhakabhaka uqobo. Konke oku kokwethu. Singabantu abakhalela umhlaba owahluthwa kubo. Ngoku sigqibe ukuwubuyisa ngenxa zonke.

Ingcombolo yethu yenkululeko isekwe phezu kweBlack Consciousness nePan-Afrikanism. Ubuciko bethu busuka kwiBlack Consciousness kaSteve Bantu Biko nePan Afrikanism kaRobert Mangaliso Sobukwe. Sikholwa ukuba esi sibini sakha ingcingane enye egqibeleleyo ngenkululeko yethu.

Le ngcingane inobulumko besaci sentaka iSankofa. ISankofa le ibonisa ukuzimisela kwethu ekufundeni kwimbali yethu ukuze sakhe inamhlanje, nekamva eliqaqambilelyo. Kufuneka sizinikele ekufundeni imvelaphi ukuze sakhe inamhlanje elingcono.

3. UBUKHOKELI NGOMENDO kaSANKARA.

Sithembisa ukwakha umbutho womzabalazo onkolelo zawo nezenzo zawo
zifuzisele kuThomas Sankara. Ukuze lo mbutho uphumelele udinga
iinkokheli ezizicaka; iinkokheli ezingafihliyo, ezivumela ulawulo
lwesininzi, ezilisabelayo ikhwelo, zibeke abantu abamnyama phambili.

Siyakumema ukuba uzokwakha nathi lo mbutho ukulwela ezi zinto:

1. Umhlaba kuqala. Asisayikuthenga umhlaba obiwe kuthi.

2. Abantu abaMnyama kuqala. Abantu abamnyama mababekwe phambili.

3. Amalungelo ezimbiwa ngawabantu, abantu mababengabanini, baxhamle kuzo ngqo.

4. Ingqesho nokusekwa kwemirholo. Sidinga imisebenzi eyiyo ngoku. Ebuncikaneni umntu makarhole iR12 500, le ayixoxwa. Sifuna ukukhuseleko lwemisebenzi yethu namalungelo e-leave yokugula nokuphumla kufunyanwe nokuba umntu uyaqala emsebenzini lowo. Amarholo alanginayo makenziwe abe ngumthetho. Ii-Labour brokers mazibhangiswe.

5. Sifuna wonke mntu abenengeniso ngoku. Makungabikho mntu ulala engatyanga.

6. Indlu yokuhlala lilungelo. Amatyotyombe mawaphele eminyakeni emihlanu.

7. Uncedo lwezempilo lilungelo. Makwakhiwe izibhedlela kuqeqeshwe
ooGqirha nabongi.

8. Ucalucalulo ngokwebala malube lityala.

9. Makungacinezelwa abasethyini  nezitabane.

10. I-Socialism. Ubutyebi beli lizwe mabuhlulwe ngokulinganayo ukuze abantu bakhululeke kwimbandezelo yezimali.

11. Uveliso olungachasananga nabantu. Imizi mveliso engathikabezi indalo.

12. Isidima nomanyano lwe-Afrika. I-Afrika inye, umanyano lwayo ngundoqo.

13. Inkululeko yengqondo. Eyona nto ibulala i-Afrika kukuswela inkathalo, nokucinga njengabantu bekoloni.

14. Abantu abanyulelwe iPalamente nabasebenzela urhulumente mabasebenzise iinkonzo zikarhulumente, ezi zisetyenziswa ngabantu.

15. Isifungo sikaThomas Sankara neManifesto yabantu ngamehlo ethu
ayosikhokhelela enkululekweni yokwenene.

16. Ukuphuculwa kolutsha. Ingomso lelabantu abatsha.

17. Imfundo kubantu bonke. Imfundo mayijongane nemiceli mngeni, imfundo ephucula iimeko zokuhlala zabantu, iphuhlise isithethe semfundo ebeka uluntu kuqala.

Oosopolitiki nemibutho yabo bazibhentsisile. Abayikholwa into abayithethayo. Bathengisa ngabantu abamnyama ngephanyazo. Awukho mbutho ukholelwa ekubuyiseni umhlaba ngokwenene, kodwa masingalahli themba. Masakhe umzabalazo oyakubhukuqa lo mbuso ucinezela abantu abamnyama ukusukela ngo1652 ongazange ubhukuqwe ngo1994. Xa singazilungiseleli asoze siyibone i-Azania entsha. Ixesha leBlack First, Land First lingoku. Xa simanyene singalifezekisa eli phupha.

Ikhutshwe nguAndile Mngxitama nekomiti yethutyana yombutho iBlack
First! Land First!.
Xa ufuna ulwazi oluthe vetshe nxibelelana neLandFirst kule dilesi:
blackfirstlandfirst@gmail.com
Inombolo: 0768178466
Sifumane nakuFB group: BLACK FIRST LAND FIRST
13 August 2015

One thought on “UMZI ONTSUNDU PHAMBILI! UMHLABA PHAMBILI! – UBIZO LOMZABALAZO

Leave a comment